Psalms 45:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Endaweni yabo oyihlo kuya kubako onyana bako, ongati wena ubenze inkosi emhlabeni wonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho; Uya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Endaweni yooyihlo kuya kubakho abantwana bakho, oya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngxatsho ke, mntwan' omhle! Ezihlangwini zooyihlo kuya kungena abakho oonyana. Wena uya kubathi jize ngobungangamsha, babe zizinxiba-mxhaka ehlabathini liphela.