Psalms 45:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiya kwenza igama lako likunjulwe kuzo zonke izizukulwana: zoti ngoko izizwe zibulele kuwe kude kube ngunapakade kanapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke; Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kukhunjulwa ngegama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana; ngenxa yoko ziya kukubonga iintlanga ngonaphakade kanaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna ndiya kulubhengeza udumo lwegama lakho. Uya kudunyiswa zizizukulwana ziphela. Ewe, zonke izizwe ziya kutyibela, zikubonga kude kube ngunaphakade.