Psalms 49:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebona abalumkileyo ukuba banokufa, befana nosidenge nodolileyo ukububa kwabo, bashiyele abanye ubutyebi babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ubona izilumko zibhubha, Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala, Bayishiye nabanye imfuyo yabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uyabona ukuba izilumko ziyafa, nesidenge nomgxeki bayatshabalala baze bayishiyele abanye indyebo yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa, izidenge kwanezityhakala! Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.