Psalms 49:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umbilini wabo uti izindlu zabo zohlala kude kube ngunapakade, n emizi yabo kwisizukulwana ngesizukulwana; imihlaba yabo bayibizile ngawabo amagama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade. Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana; Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iingcinga zabo ezingaphakathi zezokuba izindlu zabo zihlala kude kuse ephakadeni, neendawo zabo zokuhlala ukusuka kwesinye isizukulwana kuye kwesinye; amazwe azo bawabiza ngamagama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amangcwaba likhaya labo naphakade. Baya kuhlala khona njalo-njalo, nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.