Psalms 49:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babekiwe encw̔abeni njengegusha; ukufa kuya kubadla; baye abalungileyo beya kuba nobukosi pezu kwabo kwakusa; nobuhle babo incw̔aba liya kubonakalisa, indawo yokuhlala kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babuthe ngokweegusha kwelabafileyo; Ukufa kuyabalusa;Abathe tye bayabanyathela kwakusa; Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babuthe ngokweegusha emangcwabeni; ukufa kuya kubondla; yaye amalungisa aya kubalawula ngomso; nobuhle babo buya kutshatyalaliswa kwelabafileyo, bungabikho ebudodeni babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamiselwe ukufa njengeegusha; bona baxhatshazwa kukufa. Bathi ngqo behlele engcwabeni, onke amathambo abo avuthuluke, kuba kaloku bona abasekho.