Psalms 50:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezizinto uzenzile, ndati cwaka mna; waba ndingonjengawe kanye: kodwa ndokwohlwaya, ndicwangcise emehlweni ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uzenzile ezo nto, ndathi tu, Waba ndinjengawe. Ndiya kukohlwaya ndizicwangcise emehlweni akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uzenzile ezo nto, ndathi tu; Ubusithi ndifana nawe kodwa ndikukhalimele, ndikuqeqeshe phambi kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndinibukele nizenza ezi zinto, andathetha nada nacinga ukuba nam ndifana nani. Kodwa ke ngoku ndiyakhalima; ndilaneka phambi kwenu ityala.