Psalms 50:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utixo wetu uya kuza, angati cwaka: umlilo wodla ebusweni bake; uqwitela olukulu luya kumngqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo wethu uyeza, akayi kuthi tu; umlilo uya kuvutha kufuphi naso, uvutha macala onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyeza uThixo wethu; yena akayi kuthi tu. Phambi kwakhe kudangazela umlilo; uphahlwe sisitshu sesivungu-vungu.