Psalms 52:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndokudumisa kude kube ngunapakade, ngokuba ukwenzile oku; ndolinda nokulinda igama lako; ngokuba kulungile ebusweni babangcwele bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku; Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, ngokuba ukwenzile oku; kwaye ndiya kulithemba igama lakho; ngokuba kuhle kwabangcwele bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo. Ndithembele kuwe kuba ulungile. Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.