Psalms 53:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abenzi benkohlakalo abanakwazi na? abadla abantu bam njengokungati babesidla isonka: ababizanga kuye utixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanakwazi na abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uThixo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abanakwazi na abenzi bokubi? abathi badle abantu bam xa badla isonka; babengababizeli kuThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abanangqondo na abakhohlakeleyo, abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka, bengamnquli nokumnqula uThixo?