Psalms 53:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Apo bebesoyika isoyikiso, apo bekungeko soyikiso kona: ngokuba utixo ecitile amatambo alowo ubemela ngakuwe: u ba danisile; ngokuba utixo ebalahlile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Apho bankwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo; Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho; Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oyika kakhulu apho kungekho loyiko, ngenxa yokuba uThixo wayewathi saa amathambo alowo wayemise inkampu nxamnye nani; ubadanisile, ngokuba uThixo ubadanisile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu. Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo. Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.