Psalms 55:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, asi lulo utshaba lo undigxekileyo; ngendinyamezele oko: asi ngonditiyileyo lo uzenze mkulu ngakum; ngendimzimele yena:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba asilutshaba olu lundingcikivayo; Bendiya kukuthwala oko. Asingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum; Bendiya kusithela kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba asilutshaba olu lundithethisayo; ke bendizokwazi ukunxiba; ingabi ngothiyayo, lowo uzidlayo kum; kulapho ngendimfihle khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke andingcikivwa lutshaba. Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo. Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo, okanye bendingamphephayo.