Psalms 55:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu, ndiya kuteta, ndigule; waeya kuva ilizwi lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuhlwa, nakusasa, nasemini enkulu ndiya kucamngca, ndincwine; Uya kuliva izwi lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuthandaza ngokuvakalayo ebusuku nakusasa nasemini enkulu, yaye uya kuliva ilizwi lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kusasa emini nangokuhlwa ndithiwe mbende ngumva-ndedwa; saye ke isililo sam sinyukela kuye, futhi ke uza kundiphulaphula.