Psalms 56:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mhlana ndibizayo, oko intshaba zam ziya kubuya ngomva: oku ndiya kwazi; ngokuba utixo engecala lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekubizeni kwam kuwe, zobuya zibuye iintshaba zam; endikwaziyo; ngokuba uThixo unam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka. Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.