Psalms 59:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa mna ndiya kuvuma ngawo amandla ako; ewe, ndiya kudumisa ububele bako ngovuyo kwa kusasa: ngokuba ubuyinyango nendawo yokupepela kum, ngemini yokubandezelwa kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna ndiya kuvuma ngamandla akho; ewe, ngomso ndiya kuvuma ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, nehlathi lam ngemini yokubandezelwa kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho; ndiya kumemelela kwasekuseni, kuba uthando lwakho luyamangalisa. Kaloku wena uyinqaba yam, ungumqolomba ngomhla wembandezelo.