Psalms 65:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utyelele emhlabeni wawucencesha; uyawutyebisa kakulu ngomlambo katixo, ozele ngamanzi; uyalungisa inqolowa yabo, oko ulungisile wona ngokunjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uwuvelele umhlaba, wawunyela, Wawutyebisa kakhulu. Umjelo kaThixo uzele ngamanzi: Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyawuvelela umhlaba, uwunyakamise; Uwutyebisa kakhulu ngomlambo kaThixo ozele ngamanzi; Ubalungisela ingqolowa ukuba ubalungiselele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwe wena ulalusa ngemvula; wena ulitsho libe yintombazana. Ke yona imilambo iyankcenkceza; uyabalungiselela bafumane indyebo.