Psalms 68:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Unyukele enyangweni wena; amatinjwa uwatimbile; wamkelele abantu izipiwo, ewe, nabanenkani, ize uyehova utixo ahlale pakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Unyuke waya phezulu, uthimbe abathinjwa, Uthabathe izipho phakathi kwabantu, Naphakathi kwabaziinjubaqa, ukuba ahlale uYehova uThixo khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nenyuka waya ezigangeni, wathimba abathinjwa; ukwamkela izipho ebantwini; ewe, nakuzo iintshaba, ukuba ahlale uYehova uThixo phakathi kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wantinga, wanyukela phezulu, erhuqa umngcelele wabathinjwa, wamkela izipho ebantwini, ewe, nditsho nakwabamvukelayo, ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.