Psalms 71:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ulwimi lwam luya kuteta ngobulungisa bako imini yonke; ngokuba bedanisiwe bamatiswa abo bafuna ukwenzakala kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nolwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho imini yonke, Ngokuba bedanile beneentloni abafuna ukuba ndihlelwe bububi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ulwimi lwam luya kuthetha ngobulungisa bakho imini yonke, ngenxa yokuba behlazekile, ngenxa yokuba abo bafuna ububi bam bahlazekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kubalisa ngobulungisa bakho, ndithethe ngabo ndingaphezi, kuba abo babezama ukundenzakalisa bahlazisiwe batsho baphoxeka.