Psalms 71:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiba liliwa lokuhlala kum, endiya kuza kulo futi: usel’ uyalele ukuba ndisindiswe; ngokuba ulilityekazi lam nenqaba yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiba liliwa elilikhaya kum, ndize kulo ngamaxesha onke.Uwise umthetho wokuba ndisindiswe, Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiba lihlathi lam elingunaphakade, endizimela ngalo ngamaxesha onke; Wathi mandisindiswe; Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiba ngumqolomba wokuzimela; yiba yinqaba endiphephela kuyo. Thetha ngezwi ndikhuseleke; kaloku uligwiba elindikhuselayo.