Psalms 72:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Igama lake liya kubako kude kube ngunapakade; igama lake lohlala kunye nokuhlala kwelanga; abantu botanyusanqelwa ngaye; zonke izizwe zombiza ngonetamsanqa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Malibe ngunaphakade igama lakhe; Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga, Bazisikelele ngaye; Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Igama lakhe liya kuba ngunaphakade; igama lakhe liya kuhlala likho logama lisekhona ilanga, yaye abantu baya kusikelelwa ngaye; zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Igama lakhe malingaze liphele; malibe sisimakade lixel' ilanga. Ngamana bonk' abantu bamdumisa; ewe, mabamnqwenelele iintsikelelo, zonk' izizwe zimthamsanqele.