Psalms 75:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuko indebe esandleni sikayehova; iveyine ibomvu: izele yinto epitikeziweyo; uyatulula kwa kuyo: koko intlenga zayo bonke abakohlakeleyo bomhlaba baya kuzihluza, bazisele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba indebe isesandleni sikaYehova, iwayini ebomvu; uzele ngumxube; uya kuyiphalaza kuwo, kodwa intsipho yawo, bonke abangendawo behlabathi baya kuyitshabalalisa bayisele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uphethe indebe ngesandla, iphuphuma ingqumbo ebilayo; ubarhabulisa kuyo abagwenxa, boyisela bafince nentlenge.