Psalms 75:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa mna ndiya kushumayela kude kube ngunapakade; ndiya kucula kuye utixo ka‐Yakobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna ndiya kuthetha ngonaphakade; Ndiyathanda ukucula kuThixo kaYakobi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndohlala ndimncoma njalo-njalo; ndiya kumemelela ndibonga uThixo kaYakobi.