Psalms 78:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yena, enenceba nje, waxolela inkohlakalo yabo, aka ba tshabalalisa: kwa futi wabuyisa ingqumbo yake, engavusanga wonke umsindo wake kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yena unemfesane, Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi; Wawubuyisa futhi umsindo wakhe, Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena owayenemfesane, wabaxolela ubugwenxa babo, akabatshabalalisa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena uThixo waba nenceba, wabaxolela iziphoso zabo, wazibamba akabatshabalalisa; ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe, wayithomalalisa ingqumbo yakhe.