Psalms 79:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kude kube ninina, Yehova? uya kuqumba kude kube ngunapakade na? ubukwele bako buya kutsha njengomlilo na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile? Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Koda kube nini, Yehova? Uya kuqumba ngonaphakade? Ikhwele lakho liya kuvutha njengomlilo na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Koda kube nini, *Ndikhoyo? Uya kusoloko ucaphukile? Lohlala livutha ikhwele lakho?