Psalms 86:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Maundenzele umqondiso wokulungileyo, baze abo banditiyayo babone, badane; ngokuba wena, Yehova! undincedile, wandonwabisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndenzele umqondiso wokulungileyo, Bawubone abandithiyayo, badane, Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiboniseni umqondiso olungileyo; ukuze abandithiyileyo babone, badane, ngokuba ukholose ngam, Yehova, wandithuthuzela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho, ukuze abandithiyileyo babone badane, kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.