Psalms 87:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangayo i‐Ziyone kuya kutiwa: Lomntu nalowo babezalelwe kuyo: waye opezu kwonke eya kuyiqinisa ngokwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokusingisele kwiZiyon, kuya kuthiwa, Lo, nalo, uzalelwe kuyo, Abe yena Osenyangweni eyizinzisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthiwa ngeZiyon, Lo mntu nalowa wazalelwa khona, yaye uMthetheli Omkhulu uya kukuqinisekisa oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IZiyon kuya kuthiwa ngunozala wezizwe zonke, kuba uPhezukonke uyayixhasa.