Psalms 90:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Imihla yeminyaka yetu yiminyaka emashumi asixe̔nxe; nanxa iti ngenxa yokwomelela ibe yiminyaka emashumi asibozo, amandla ayo abubunzima nobubi noko; ngokuba inqanyulwa kamsinya, size sibaleke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe;Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imihla yeminyaka yethu yiminyaka elishumi elinamithandathu; kwaye ukuba yiminyaka engamashumi asibhozo ngenxa yobunzima, kwangokunjalo amandla ayo ngumsebenzi nosizi; kuba iza kunqunyulwa ngokukhawuleza, kwaye siyayibhabha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iminyaka yomntu iba ngamashum' asixhenxe, xa ngaba womelele ibe ngamashum' asibhozo; kodwa iza neenkxwaleko neentsizi, imihla yethu ithi tshe iphele.