Psalms 90:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okuya bezingekazalwa intaba, nxa ubungadalanga umhlaba nelizwe, kwa kunapakade kude kube ngunapakade, wena ungutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iintaba azikazalwa, kungakhathaliseki nokuba uyalidala na ihlabathi nehlabathi, ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo, wena unguThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi, ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.