Psalms 96:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yitini pakati kwabaheyideni: Uyehova upete ngobukumkani. Ilizwe nalo liya kuqiniswa, lize lingabi nakushukunyiswa: uya kugweba izizwe ngokufanelekileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani, Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi, Uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithini ezintlangeni, Nithi, uYehova ngukumkani; uya kugweba iintlanga ngobulungisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani; nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa; nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.