Revelation 1:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna Johane, onguye nomzalwana wenu, nolikolwane kunye nani embandezelweni, nakubo ubukumkani nomonde ka‐Yesu Kristu ndibe ndisesiqitini esibizwa nge‐Patimo, ngenxa yelizwi likatixo, nangenxa yobunqi̔na buka‐Yesu Kristu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NdinguYohane umwenu onenxaxheba ebunzimeni, kunyamezelo, nasekulawulweni – zinto ezo zisibandakanyayo thina bamanyiweyo noYesu. Ke kaloku ndazibona sendisesiqithini sePatimo ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo nokungqina ngoYesu.