Revelation 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yafunga lowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade, owadalayo izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuba akusayi kuba seko xesha;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
safunga lowo udla ubomi, ase emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo, ukuthi, Akuyi kuba sabakho xesha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
wafunga lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle, nezinto ezikuwo, ukuba akuyi kubakho xesha limiyo, ixesha elide:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Safunga uSonini-nanini, owadala izulu nehlabathi, ulwandle nezinto zonke ezilapho kuzo, sathi: “Ixesha limkile!