Revelation 10:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndasuka ndaya kwingelosi leyo, ndati kuyo: Ndinike loncwadana. Yayisiti kum: Tabata, uyidle ugqibe, yaiya kusenza ṙaṙa isisu sako, koko emlonyeni wako iya kuba mnandi njengobusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Sathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yosenza sibe krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba nencasa enjengeyobusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Wathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yenze krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba mnandi njengobusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.”