Revelation 11:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kuti abemiyo pezu kwomhlaba bawavuyele, bagcobe, batumelane amabaso, kuba aba abaprofite ababini bambela abemiyo pezu kwomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abo bemiyo phezu komhlaba baya kuwavuyelela, babe nemihlali; bathumelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini babathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabo bemiyo phezu komhlaba baya kuba nemihlali ngabo, babe nemihlali, bathumelelane izipho; ngokuba abo baprofeti babini babathuthumbisa abo bemiyo phezu komhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukufa kwaba babini kuya kuba yinto emnandi ebantwini behlabathi. Baya kwenza itheko, banikane izipho. Kaloku la mangqina aya kubangcungcuthekisa abantu behlabathi.