Revelation 11:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
YATI eyesixe̔nxe ingelosi yahlokomisa; kwaza kwabako amazwi amakulu ezulwini, esiti: Ubukumkani belilizwe buse bubobayo inkosi yetu, nobo‐Kristu wayo; waeya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade kanapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi: Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi, Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu, nezikaKristu wayo; uya kulawula ngonaphakade kanaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokunjalo nesesixhenxe isithunywa salikhalisa ixilongo, kwaza kwavakala imikhwazo ezulwini, isithi: “Ngoku ihlabathi liza kulawulwa yiNkosi kunye noMthanjiswa wayo uKrestu, yaye ke iya kulawula kude kube ngunaphakade kanaphakade.”