Revelation 11:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
besiti: Siyabulela kuwe. Nkosi Tixo Somandla, okoyo, obuko, ozayo! ukuba uwatabatile amandla ako amakulu, wapata ngobukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
esithi: Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla, Wena ukhoyo, wawukho, uzayo, Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sithi, Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo Somandla, wena ukhoyo, wawukho, uzayo; ngokuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba ngukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
esithi: “Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla, wena Ndikhoyo owayekho kakade, kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!