Revelation 11:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zite intlanga zaqumba, kufikile ke umsindo wako, nexesha labafileyo, ukuba bagwetywe, nokuba unike umvuzo wazo kwizicaka zako abaprofite, nakubo abangcwele, nakubo abaloyikayo igama lako, kubo abancinane nakubo abakulu, uze ubabubise abo bawububisayo umhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iintlanga zaqumba, Yeza ingqumbo yakho, Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe, Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele, Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu, Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zaqumba iintlanga, lafika ingqumbo yakho, nexesha labafileyo lokuba bagwetywe, nokuba ubanike umvuzo kubakhonzi bakho abaprofeti, nabangcwele, nabo baloyikayo igama lakho, abancinane, kwaye mkhulu; kwaye uya kubatshabalalisa abo bawonakalisayo umhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe zagragrama; ke yona imini yempindezelo ifikile, abafileyo baza kugwetywa. *Abashumayeli, izicaka zakho, baza kwamkela, usapho lwakho, abakhulu kwanabanci, bebonke abakuthobelayo. Ewe, lifikile ixesha lokubatshabalalisa abo batshabalalisa ihlabathi!”