Revelation 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuba kuko ofuna ukuwenzakalisa, umlilo uyapuma emlonyeni wawo, uzigqibele intshaba zawo: nokuba kuko ofuna ukuwenzakalisa, ufanele ukubulawa ngokunjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uzidle uzigqibe iintshaba zawo; nokuba kukho bani unga angawonakalisa, umelwe kukubulawa ngokunjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kukho bani unga angawonakalisa, kophuma umlilo emlonyeni wawo, uziqwenge iintshaba zawo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba kukho bani ufuna ukuwenzakalisa, emlonyeni wawo kuya kuphuma umlilo ulutshabalalise olo tshaba. Uya kufa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa la mangqina.