Revelation 11:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wona la anamandla okuba alivingce izulu, ukuze kungani imvula emihleni yokuprofitesha kwawo: anamandla kanjako pezu kwawo amanzi, okuba awaguqule abe ligazi, nokuba awubete umhlaba ngezibeto zonke, nxa asukuba etanda ukwenje njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wona la anegunya lokulivala izulu, ukuze kungani mvula ngemihla yokuprofeta kwawo. Kananjalo anegunya phezu kwamanzi ukuwaguqula abe ligazi, nokuwubetha umhlaba ngezibetho zonke, ngamaxa onke asukuba ethanda ngawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lawo anegunya lokuvala izulu ukuze kungani ngeentsuku zokuprofeta kwawo, yaye anegunya phezu kwamanzi lokuwajika abe ligazi nelokuwubetha umhlaba ngazo zonke izibetho ngokufuthi kangangoko enqwenela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.