Revelation 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni afezileyo isinqi̔no sawo, loti ir̔amnco elipumayo esinzulwini lenze imfazwe nawo, liwoyise, liwabulale.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nawo, liweyise, liwabulale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale.