Revelation 11:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nezidumbu zawo ziya kubako esitarateni sesixeko esikulu, esiti ngobumoya sibizwa nge‐Sodome nange‐Jipete, apo kanjalo inkosi yetu yabikuruseshelwa kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izidumbu zawo ziya kuba sesitratweni somzi omkhulu, okuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho kananjalo yabethelelwa khona emnqamlezweni iNkosi yawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izidumbu zawo ziya kuqungquluza esitratweni somzi omkhulu, ekuthiwa ngokomoya yiSodom neYiputa, apho neNkosi yethu yabethelelwa khona emnqamlezweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imizimba yawo iya kuqungquluza esitalatweni sesixeko esikhulu, apho yaxhonywa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. Esi sixeko sifuziselwa yiSodom okanye iJiputa.