Revelation 11:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye ke bona abakubo abantu, nezizwe, nenteto, nentlanga, beya kubona izidumbu zawo imihla mitatu inesiqingata somhla, bangavumeli ukuba izidumbu zawo zibekwe emancw̔abeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakubo abantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababantu, nezizwe, neelwimi, neentlanga, baya kuzibona izidumbu zawo imihla emithathu enesiqingatha somhla, bangavumi ukuba izidumbu zawo zibekwe emangcwabeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imizimba yala mangqina iya kuhlala apho iintsuku ezintathu ezinesiqingatha, baze abantu bezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, neelwimi ngeelwimi, beze kuyibona, bangavumi ukuba ingcwatywe.