Revelation 12:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bona bamoyisa ngenxa yegazi lemvana, nangenxa yelizwi lobunqi̔na babo; abatanda ke ubomi babo kwada kwakukufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; ababuthandanga ubomi babo kwada kwasekufeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamoyisile ngamandla edini leXhwane nangenyaniso kaThixo ebebekade beyingqinela, bengoyiki ukububeka esichengeni ubomi babo.