Revelation 12:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwanikwa lonkazana amapiko amabini okozi olukulu, ukuze ibaleke iye entlango, endaweni yayo, apo isondliwa kona ixesha, namaxesha, nesiqingata sexesha, ifihlwe ebusweni bayo inyoka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wayenikwe amaphiko afana nawokhozi umfazi, ukuze abhabhele entlango apho wayeza kugcinakala khona iminyaka emithathu enesiqingatha engenakuhlaselwa ligongqongqo, inyoka endala.