Revelation 12:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti umhlaba wayisiza inkazana, wati umhlaba wakamisa umlomo wawo, wawuginya umlambo lowo inamba yawuku̔payo kuwo umlomo wayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umhlaba wamsiza umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawufinca umlambo eyawukhuphayo inamba ngomlomo wayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza umhlaba wamncedisa umfazi, waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawuginya umlambo eyawukhuphayo inamba emlonyeni wayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka umhlaba wona wamnceda umfazi. Wavuleka, wawaginya loo manzi ayephume kwelo gongqongqo.