Revelation 12:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yakahlelwa lonamba enkulu, lonyoka yakudala, ebizwa ngo‐Mncetezi nango‐Satane, ekohlisayo elimiwayo lonke, yakahlelwa emhlabeni, nengelosi zayo zakahlelwa ndawonye nayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa phantsi emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa phantsi kunye nayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke igongqongqo – inyoka endala eyakhohlisa uluntu luphela, uSathana, umtyholi – laphoswa ezantsi emhlabeni kunye nezithunywa zalo.