Revelation 13:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba ehlanganisa amatinjwa, uya ekutinjweni; osukuba ebulala ngesiṙele, ufanele yena ukubulawa ngesiṙele. Nangu ke umonde nenkolo yabangcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ubani uhlanganisela abanye ekuthinjweni, naye uya kusiwa ekuthinjweni; ukuba ubani ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ubani ukhokelela ekuthinjweni, uya kusiwa ekuthinjweni; lowo ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ofanele ukubanjwa uya kubanjwa; kanti ke nabani na oza kubulawa ngekrele uya kubulawa ngekrele. Le nto ke yenza kube yimfuneko ukuba abantu bakaThixo banyamezele, futhi babambelele elukholweni.”