Revelation 13:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Liti kanjako libakohlise abemiyo pezu kwomhlaba, ngenxa yemiqondiso leyo lanikwayo ukuyenza ebusweni balo ir̔amnco; lisitsho kubo abemiyo pezu kwomhlaba, ukuba mabalenzele umfanekiso elor̔amnco elibe linalo inxeba lesiṙele, lapila noko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lalahlekisa abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, ukuba balenze umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngale ndlela ke lavunyelwa ukuba libalahlekise abantu behlabathi. Kaloku le mimangaliso laliyenza likho neliya lokuqala irhamncwa. Eli rhamncwa lathi abantu behlabathi mabaqingqe umfanekiso wokuwonga elaa rhamncwa lalingxwelerhwe likrele kodwa laphila.