Revelation 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo liyabenza ukuba bonke, abancinane nabakulu, nabazityebi nabangamahlwempu, nabakululekileyo namakonza, babekelwe upa̔u pezu kwesandla sabo sokunene, umhlaumbi pezu kwamabunzi abo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini, abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lenza ukuba bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe esandleni sabo sokunene, nokuba kusebunzi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ke lanyanzelisa ukuba bonke abantu, abancinci nabakhulu, izityebi namahlwempu, amakhoboka nabakhululekileyo, mabaphawulwe ezandleni zokunene okanye ebunzi.