Revelation 13:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba kungabiko mntu ongati atenge umhlaumbi atengele, kupela ngulowo unalo upa̔u olo, umhlaumbi igama ler̔amnco, umhlaumbi inani legama lalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ukuze kungabikho bani unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphandle kolu phawu lumele igama okanye inani elimele igama lerhamncwa, akukho mntu wayevunyelwa ukuba athenge okanye athengise.