Revelation 13:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabu ke ubulumko. Lowo unokuqonda makabale lona inani ler̔amnco: ngokuba lilinani lomntu; kekaloku inani lalo lingamakulu matandatu anamashumi matandatu anesitandatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa;kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabu ke ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lakhe ngamakhulu amathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ndawo ke ifuna ingqiqo. Nabani na oqiqayo angalifumana inani elimele irhamncwa. Kaloku inani elo limele umntu. Lona ke inani elo ngamakhulu amathandathu anamashumi amathandathu anesithandathu.