Revelation 13:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ir̔amnco elo ndalibonayo libe lifana nengwe, nenyawo zalo zinjengezebere, nomlomo walo unjengomlomo wengonyama; yati ke yona inamba yalinika amandla ayo neterone yayo, negunya elikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere, umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere, umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla alo, netrone yalo, negunya elikhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eli rhamncwa lalingathi lihlosi, koko iinyawo zalo zazifana nezebhere, wona umlomo ufana nowengonyama. Irhamncwa eli lafumana amagunya namandla ndawonye nobungangalala, libunikwa ligongqongqo.